37 Kodwa uIsake wamphendula uEsawu wathi: “Uyabona, ndimkhethile ukuba abe yinkosi phezu kwakho,+ bonke abantakwabo ndibanike yena ukuba babe zizicaka zakhe, yaye ndimjizeke ngokutya okuziinkozo newayini entsha ukuze zibe sisixhaso sakhe.+ Ngaba ikho into endingaba sakwenzela yona na mfo wam?”