26 Wathi: “Ukuba niza kulimamela kakuhle ilizwi likaYehova uThixo wenu, nenze okulungileyo emehlweni akhe, niyibazele indlebe imiyalelo yakhe, niyigcine yonke imithetho yakhe,+ andizukunibetha nangasinye kwizifo endibethe ngazo iYiputa,+ kuba ndinguYehova oniphilisayo.”+