21 UAron noonyana bakhe baza kulungiselela ukuba izibane zikhanyise phambi kukaYehova,+ ukususela ngokuhlwa kude kuse. Baza kuyenza loo nto ententeni yokuhlangana nganeno kwekhethini engakuBungqina.+ Lowo ngumthetho oza kuhlala uthotyelwa ngamaSirayeli kuzo zonke izizukulwana zawo.+