31 Emva koko umoya kaYehova wabhudla, watyhala izagwityi uzisusa elwandle wayokuziphosa macala onke enkampu.+ Zazininzi kangangokuba kwakunokufuneka umntu ahambe usuku lonke ukuze ayokuphumela kwela cala lazo. Zazifumbe kangangeekubhite ezimbini ukuphakama.