3 Kodwa utata wakhe nomama wakhe bathi kuye: “Bekungasekho zintombi na kwizizalwana zakho nakubo bonke abantu bakuthi?+ Ungade uye kuthatha umfazi kumaFilisti angolukanga?” Kodwa uSamson wathi kutata wakhe: “Ndithathele yena, kuba nguye ondifaneleyo.”