11 Wafunga wathi: “Owu Yehova wemikhosi, ukuba ungayibona intlungu yekhobokazana lakho, undikhumbule, ungalilibali ikhobokazana lakho, uze ulinike ikhobokazana lakho umntwana oyinkwenkwe,+ ndiza kumnikela kuYehova yonke imihla yobomi bakhe. Iinwele zakhe azizukuchetywa.”+