5 AmaFilisti aqokelelana ukuze alwe noSirayeli. Eza neenqwelo zokulwa eziyi-30 000, nabakhweli-mahashe abayi-6 000, nomkhosi owawumninzi oku kwesanti eselunxwemeni lolwandle.+ AmaFilisti enyuka aya kumisa inkampu eMikimashe, ngasempuma yeBhete-aven.+