25 Ayesithi: “Niyayibona na le ndoda? Izokuxhokonxa uSirayeli.+ Umntu oye wayibulala, ukumkani uza kumnika ubutyebi obuninzi, amnike nkqu nentombi yakhe.+ Nendlu katata wakhe uza kuyikhulula ekubhataleni irhafu nasekwenzeni eminye imisebenzi kwaSirayeli.”