8 Nonke nindenzele iyelenqe, akukho namnye owandixelelayo xa unyana wam wenza isivumelwano nonyana kaYese.+ Kungekho nokuba abe mnye kuni oye wavelana nam waza wandazisa ukuba unyana wam uhlohle isicaka sam ukuba sindilalele, njengokuba kunjalo ngoku.”