4 UYonatan+ unyana kaSawule, wayenonyana osisiqhwala.+ Wayeneminyaka emihlanu xa kwafika ingxelo engoSawule noYonatan ivela eYizereli.+ Umntu owayemonga wamthwala wabaleka naye, kodwa wathi esabaleka ebhuduzela, wawa umntwana waba sisiqhwala. Igama lakhe yayinguMefibhoshete.+