6 Ekuhambeni kwexesha ama-Amoni aqonda ukuba alivumba elibi kuDavide, ngoko aqesha amaSiriya aseBhete-rehobhi+ namaSiriya aseTsobha,+ amajoni ahamba ngeenyawo ayi-20 000, nokumkani waseMahaka,+ kunye namadoda ayi-1 000, naseIshtobhi, amadoda ayi-12 000.+