32 Kodwa ke, uYehonadabhi+ unyana kaShimeha,+ umntakwaboDavide wathi: “Inkosi yam mayingacingi ukuba babulewe bonke oonyana bakakumkani, kuba nguAmnon yedwa ofileyo.+ Ngumyalelo ka-Abhisalom lo. Yinto awayegqibe ukuyenza+ ukususela laa mini uAmnon awamhlazisa ngayo uTamare+ udadewabo.+