35 Namhlanje ndineminyaka eyi-80.+ Ndiyakwazi na ukwahlula phakathi kokulungileyo nokubi? Ndiyakwazi na, mna sicaka sakho, ukungcamla oko ndikutyayo nendikuselayo? Ndisakwazi na ukumamela ilizwi leemvumi neemvumikazi?+ Ngoko kutheni isicaka sakho simele sibe ngomnye umthwalo kwinkosi yam ukumkani?