10 UAmasa zange aliqaphele ikrele elalisesandleni sikaYowabhi, ngoko uYowabhi wamhlaba ngalo esiswini,+ aza amathumbu akhe aphalala emhlabeni. Zange kufuneke amphinde, wamhlaba kwakanye. Emva koko uYowabhi noAbhishayi umntakwabo baleqa uShebha unyana kaBhikeri.