4 UYehova uza kuyenza into awandithembisa yona esithi: ‘Ukuba oonyana bakho bayayijonga indlela abahamba ngayo phambi kwam, bathembeke ngentliziyo yabo yonke nangomphefumlo wabo wonke,+ kuza kuhlala kukho indoda ephuma kumnombo wakho ehleli etroneni yakwaSirayeli.’+