26 Ukumkani wathi kumbingeleli uAbhiyatare:+ “Yiya emhlabeni wakho eAnatoti!+ Ufanelwe kukufa, kodwa andizukukubulala ngoku, ngenxa yokuba wawuthwala iTyeya yeNkosi enguMongami uYehova phambi koDavide utata,+ nangenxa yokuba wabuva bonke ubunzima obaviwa ngutata.”+