32 UYehova uza kulibuyisela phezu kwentloko yakhe igazi lakhe, kuba wathi engathunywanga ngutata uDavide, waxabela waza wabulala ngekrele amadoda amabini awayengamalungisa ngaphezu kwakhe: uAbhinere+ unyana kaNere, intloko yomkhosi kaSirayeli,+ noAmasa+ unyana kaYetere, intloko yomkhosi wakwaYuda.+