6 USolomon wathi: “Uye wamthanda kakhulu ngokungagungqiyo umkhonzi wakho utata, njengoko wayehamba phambi kwakho ngokuthembeka nangobulungisa nangentliziyo emsulwa. Uye waqhubeka umthanda ngokungagungqiyo kwada kwanamhlanje ngokumnika unyana oza kuhlala etroneni yakhe.+