12 Yena wathi: “Njengoko uYehova uThixo wakho ephila, andinaso isonka, kodwa ndinomgubo onokwanela nje esandleni osengqayini enkulu nentwana yeoli esengqayini encinci.+ Ngoku ndiqokelela iinkuni ezimbalwa, ibe ndiza kwenzela mna nonyana wam into yokutya. Emva kokuba sityile, siza kufa.”