28 Umntu woThixo wokwenene waya kukumkani wakwaSirayeli wathi: “Uthi uYehova, ‘Ngenxa yokuba amaSiriya ethe: “UYehova nguThixo weentaba, yaye akangoThixo wamathafa,” ndiza kuyinikela kuwe yonke le nyambalala yabantu,+ utsho wazi ukuba ndinguYehova.’”+