8 Ukumkani wakwaSirayeli wathi kuYehoshafati: “Isekho enye indoda enokusibuzela kuYehova;+ kodwa ndiyayicaphukela,+ kuba ayiprofeti zinto zintle ngam, zizinto ezimbi zodwa.+ NguMikaya unyana kaImla.” Kodwa uYehoshafati wathi: “Ukumkani makangathethi ngolo hlobo.”