13 UHezekiya wawamkela la madoda waza wawabonisa yonke indlu yobutyebi,+ isilivere, igolide, ioli yebhalsam, enye ioyile exabisekileyo, izixhobo zakhe, nabo bonke ubutyebi bakhe. Akukho nto angazange awabonise yona endlini yakhe nakubo bonke ubukhosi bakhe.