16 Wathi akujika uYosiya wabona amangcwaba asentabeni. Wayalela ukuba kuthathwe amathambo kuloo mangcwaba, waza wawatshisa esibingelelweni, wasenza asafaneleka, ngokwelizwi likaYehova elalithethwe yindoda yoThixo wokwenene eyayitsho kwangaphambili ukuba ziza kwenzeka ezi zinto.+