16 Bathi kuye: “Jonga, thina zicaka zakho sinamadoda ayi-50 angamakroti. Siyakucela, wavumele ahambe aye kukhangela inkosi yakho. Kusenokwenzeka ukuba umoya kaYehova uyiphakamisile waza wayiphosa kwenye yeentaba okanye kwenye yeentlambo.”+ Kodwa wathi: “Ningawathumeli.”