13 UElisha wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Ndinantoni na yakwenza nawe?+ Yiya kubaprofeti bakatata wakho nakubaprofeti bakamama wakho.”+ Kodwa ukumkani wakwaSirayeli wathi kuye: “Hayi, kuba nguYehova obize aba kumkani bathathu ukuze abanikele kuMowabhi.”