12 Ngoko nangoko ukumkani wavuka ngobusuku wathi kwizicaka zakhe: “Mandinixelele eyona nto asenze yona amaSiriya. Ngenxa yokuba esazi ukuba silambile,+ ashiye inkampu yawo ayokuzimela emasimini, esithi, ‘Baza kuphuma esixekweni, sibabambe bephila size singene esixekweni.’”+