21 UYehoram wathi: “Bopha inqwelo yam!” Yabotshwa ke inqwelo yakhe yokulwa, waza waphuma uKumkani uYehoram wakwaSirayeli noKumkani uAhaziya+ wakwaYuda, ngamnye ekwinqwelo yakhe yokulwa, baya kuhlangabeza uYehu. Bahlangana naye kwisiqwenga somhlaba kaNabhoti+ umYizereli.