2 Kodwa ke, uYehoshebha intombi kaKumkani uYehoram, udadeboAhaziya, weba uYehowashe+ unyana ka-Ahaziya phakathi koonyana bakakumkani ababeza kubulawa, wasa yena nempelesi yakhe kwigumbi lokulala elingaphakathi. Bamfihla kuAtaliya, ngoko akazange abulawe.