4 Ngonyaka wesixhenxe, uYehoyada wathumela ukuba iintloko zamakhulu oonogada bamaKariya, nezoonogada bendlu kakumkani+ ziye kuye endlini kaYehova. Wenza isivumelwano nazo, wazifungisa endlini kaYehova ukuba ziza kusigcina, emva koko wazibonisa unyana kakumkani.+