14 Wafika wabona ukumkani emi apho ecaleni kwentsika ngokwesiko.+ Abaphathi nabakhalisi bamaxilongo+ babengakukumkani, bonke abantu belizwe bevuya, bevuthela namaxilongo. Akuyibona uAtaliya le nto, wakrazula iimpahla zakhe, wakhwaza esithi: “Liyelenqe! Liyelenqe!”