6 Kodwa akazange ababulale oonyana bezo zigwinta, kuba wayethobela umyalelo owawubhalwe encwadini yoMthetho kaMoses osuka kuYehova usithi: “Ootata mabangabulawa ngenxa yoonyana babo, noonyana mabangabulawa ngenxa yootata babo; kodwa ngamnye makabulawelwe isono sakhe.”+