13 UKumkani uYehowashe wakwaSirayeli wathimba uKumkani uAmatsiya wakwaYuda, unyana kaYehowashe, unyana ka-Ahaziya eBhete-shemeshe. Emva koko beza eYerusalem, waza waqhekeza udonga oluseYerusalem kangangeekubhite eziyi-400 ukususela kwiGeyithi yakwaEfrayim+ ukuyokutsho kwiGeyithi Esekoneni.+