41 Aba banamagama akuludwe, beza ngemihla kaKumkani uHezekiya+ wakwaYuda, baza bazixabela iintente zamaHam namaMehun ezazilapho. Bazitshabalalisa njengokuba unokubona namhlanje, baza bahlala kwiindawo zabo, kuba apho kwakukho amadlelo ababenokutyisa imihlambi yabo kuwo.