17 Waphuma uDavide waya kuwo waza wathi: “Ukuba nize ngoxolo kum ukuze nindincede, intliziyo yam iza kumanyana nani. Kodwa ukuba nize kundingcatsha kwiintshaba zam, ekubeni kungekho bubi zibenzileyo izandla zam, uThixo wookhokho bethu makayibone loo nto aze agwebe.”+