21 Luluphi na olunye uhlanga emhlabeni olunjengabantu bakho amaSirayeli?+ UThixo wokwenene wazikhululela bona bangabantu bakhe.+ Wena wazenzela igama ngezinto ezinkulu nezimangalisayo owazenzayo,+ ugxotha iintlanga phambi kwabantu bakho+ owabakhululayo eYiputa.