17 UDavide wathi kuThixo wokwenene: “Asindim na othe makubalwe abantu? Kone mna ibe ndim owenze ububi,+ kodwa ezi zimvu zenze ntoni? Yhini Yehova Thixo wam, masincede isandla sakho sibe phezu kwam naphezu kwendlu katata, sukubazisela esi sibetho abantu bakho.”+