31 Nabo benza amaqashiso+ kanye njengokuba abantakwabo oonyana baka-Aron benzayo phambi kukaKumkani uDavide, kukaTsadoki, kuka-Ahimeleki naphambi kweentloko zezindlu zababingeleli nezabaLevi. Oyintloko kwizindlu zootata babo, wayephathwa ngokulinganayo nomntakwabo omncinci.