14 Bamngcwabela kwindawo ezukileyo yokungcwaba awazimbela yona kwisiXeko SikaDavide,+ yaye bambeka emandlalweni owawugalelwe ioli yebhalsam nezinto ezahlukahlukeneyo ezixutyiweyo ukuze kwenziwe isithambiso esikhethekileyo.+ Babasa nomlilo omkhulu ngokungaqhelekanga emngcwabeni wakhe.