7 Ukumkani wakwaSirayeli wathi kuYehoshafati: “Isekho enye indoda+ enokusibuzela kuYehova, kodwa ndiyayicaphukela, kuba ayiprofeti zinto zintle ngam, ihlala izizinto ezimbi zodwa.+ NguMikaya unyana kaImla.” Kodwa uYehoshafati wathi: “Ukumkani makangathethi ngolo hlobo.”