23 UKumkani uYehowashe wakwaSirayeli wathimba uKumkani uAmatsiya wakwaYuda, unyana kaYehowashe, unyana kaYehowahazi eBhete-shemeshe. Emva koko wamzisa eYerusalem waza waqhekeza udonga oluseYerusalem kangangeekubhite eziyi-400 ukususela kwiGeyithi yakwaEfrayim+ ukuyokutsho kwiGeyithi Esekoneni.+