3 “Ngonyaka wokuqala kaKumkani uKoreshi, uKumkani uKoreshi wakhupha lo myalelo ngendlu kaThixo eseYerusalem:+ ‘Le ndlu mayakhiwe kuze kwenziwe imibingelelo kuyo, kubekwe neziseko zayo; mayibe ziikubhite eziyi-60 ukuphakama neekubhite eziyi-60 ububanzi.+