28 UThixo uye wandithanda ngokungagungqiyo phambi kukakumkani+ nabacebisi bakhe+ nazo zonke iinkosana ezinamandla eziphantsi kukakumkani. Ndaba nesibindi kuba isandla sikaYehova uThixo wam sasiphezu kwam, ndaza ndaqokelela iinkokheli kwaSirayeli ukuze zinyuke nam.