5 Siligazi elinye nabantakwethu, ibe abantwana bethu bayafana nabantwana babo; kodwa abethu oonyana neentombi kufuneka sibenze amakhoboka. Ezinye iintombi zethu sezingawo.+ Asikwazi nokuyilwa loo nto, kuba imihlaba yethu namasimi ethu eediliya zithathwe ngabanye abantu.”