9 UHegayi wayithanda le ntwazana, wakholwa yiyo. Ngokukhawuleza walungiselela ukuba ifumane izithambiso zobuhle+ nokutya okukhethekileyo, waza wayikhethela iintombi ezisixhenxe kwindlu kakumkani. Wayifudusa kunye nezo ntombi eyisa kweyona ndawo intle endlini yabafazi.