16 “Hamba, uyokuwaqokelela onke amaYuda aseShushan uze uzile ukutya+ ngenxa yam. Ungatyi yaye ungaseli iintsuku ezintathu,+ ubusuku nemini. Nam kunye nezicakakazi zam siza kuzila ukutya. Ndiza kuya kukumkani, nto leyo engavunywayo ngumthetho, yaye ukuba ndimele ndife, mandife ke.”