10 Wawubhala egameni likaKumkani uAhaswerosi, waza wawuvala ngeringi kakumkani yokubeka isitampu, yaye+ wathumela amaxwebhu abhaliweyo ngabantu abakhwele amahashe. Aba bantu babekhwele amahashe anamendu ahambisa imiyalezo, afuyelwe umsebenzi wasebukhosini.