9 Ngomhla we-13 wenyanga ye-12, oko kukuthi, inyanga enguAdare,+ xa kwakuza kwenziwa into eyayithethwe ngukumkani nomthetho wakhe,+ ngosuku iintshaba zamaYuda ezazinethemba lokuwoyisa ngalo, kwenzeka into eyahlukileyo, aza amaYuda aboyisa abo babewathiyile.+