22 kuba amaYuda aphumla ngezo ntsuku kwiintshaba zawo, ibe intlungu yawo yatshintshwa yaba luvuyo ngaloo nyanga, nokuzila kwawo+ kwaba lixesha lokubhiyoza. Ayemele azigcine ezi ntsuku njengemihla yokwenza izidlo nokonwaba, nexesha lokuthumelelana ukutya, nelokupha amahlwempu izipho.