8 Kukho indoda elilolo, engenabani; ayinanyana namntakwayo, kodwa ihlala isebenza nzima. Amehlo ayo akaneli bubutyebi.+ Kodwa ngaba ikhe izibuze, ‘Ngubani lo ndimsebenzela nzima kangaka nendizivimba izinto ezintle ngenxa yakhe’?+ Nale into ililize nomsebenzi okruqulayo.+