26 Emva koko, ndafumanisa le nto: Eyona nto ikrakra ngaphezu kokufa ngumfazi ofana nomnatha wokuzingela, onentliziyo efana nomnatha orhuqwayo nonezandla ezinjengamatsheyini. Umntu okholisa uThixo wokwenene uza kumbaleka,+ kodwa umoni uyathinjwa nguye.+